UMTHETHO WESIKO, ISIMO SENTLALO, INKOLO NOKULINGANA
Imithetho yamasiko nenkolo zizinto zokusetyenziswa kwesini ekuhlaleni kwaye ziindlela zokubonisa nokuqhubela phambili ukucinezelwa nokuthotywa kwabafazi.
Yintoni isiko?
Isiko lichazwa njengendlela yokugqithisela izinto zentlalo ukusuka kumnombo othile ukuya komnye, nokwenziwa ngakumbi ngesincoko somlomo. Ichazwa:
Njengendlela yokucinga okanye yokuziphatha elandelwa ngabantu njalo iminombo ngeminombo; isiko okanye indlela yokusebenza;
Uthotho lwaloo masiko neendlela zokusebenza zithathwa njengezinto ezehle ngaphambili ezinefuthe kwixesha langoku; isiko elilandelwa lusapho ngesinxibo nangesimilo.
Kungenxa yesiko le nto izithethe ezahlukileyo zentlalo zidluliselwa kwaye zilandelwe yiminombo elandelayo.
Iziphumo zamasiko anobungozi kumantombazana nabafazi
Njengokuba amasiko amaninzi ekhuthaza ukudibana nokumanyana kwasekuhlaleni, amanye agruzula impilo yomzimba neyengqondo nesidima sabantu ngakumbi amantombazana nabafazi. Izinto ezifana nokungavunyelwa ukufunda, ukuvinjwa ulwazi neenkonzo ezivumela ezo zinto zinokuba nobungozi ukuba zithe zaqhubeke.
Amasiko anobungozi akhona ngeendlela ezahlukileyo kodwa zonke zivela kwimbali yokungalingani ngokwasentlalweni naluqoqosho phakathi kwamadoda nabafazi. Izithethe ezinjengezi zibonwa zingundoqo womnatha wesimo sentlalo. Amalinge okuguqula okanye ukutshutshisa ezi zithethe asoloko ekrokrelwa okanye ebonisa ukungalawuleki kwiindawo ezisawenzayo ngakumbi xa amalinge anjalo evela ngaphandle.
Amanye amasiko anobungozi abandakanya oku kulandelayo: ukusikwa kobufazi, ukutshata kwangoko; ukungabi namalungelo okuba nepropati; ukufa kwelobola;
Amanye amasiko enziwayo, abandakanya abafazi, abandakanya oku kulandelayo: ukuhlola ubuntombi, ilobola; ikhazi; isithembu.
Yintoni inkolo?
Inkolo lushishino lwabantu apho ubungcwele busekwa khona. Ikwachazwa njenge"nkqubo yeenkolo nezithethe ekuthi ngazo iqela labantu lixakeke sisiphelo sobomi babantu. Inkolo ingasetyenziswa njengophawu olwahlula ukuvumela ukucalucalula abantu entlalweni nokudukiswa kwanokubethelela amaqela asekuhlaleni ngokwamanqanaba.
Unxulumano phakathi kwenkolo nesini
Ifuthe kwindima yomfazi entlalweni lenziwa yindima ekufanele ayidlale ngokwenkolo
Ukutolikwa kwenkolo ngelishwa kusezandleni zabantu abangabameli benkolo kwaye ngelishwa ngamadoda;
Indima yamaziko enkolo entlalweni yethu yiyo kanye ebenefuthe elikhulu kwindlela indima yezini ezahlukileyo ebonwa ngayo; Indlela abayibona ngayo abantu isabonisa ukunxibelelana nendlela eviwa rhoqo kwintshumayelo eyenziwa ngabefundisi abadla ngokusingela phantsi nakuphi na ukukhululeka nokubaluleka komfazi;
Kubalulekile ukuhlalutya indlela isini nenkolo ezinxulumene ngayo kwaye kuyafuneka xa sijonga indlela inkolo okanye indlela ekuthethwa ngayo kwinkolo ethe yasetyenziswa ngayo ukusingela phantsi abafazi. Kuyaxoxwa kuthiwa "inkolo yiyo ethe kwaye iseyiyo eyingcambu yesizathu sokuthotywa nokusingelwa phantsi komfazi" kanye kanye ngenxa yexabiso layo nendlela ethundeza ngayo kuluntu.
Inkqubo-sikhokelo yomthetho nomgaqo-nkqubo
IZIXHOBO ZEHLABATHI ZOKUKHUTHAZA AMALUNGELO ABAFAZI ANXULUMENE NENDLELA ISINI SABO ESIBABHEKISA NGAKHONA
INKomfa yokuPheliswa kwazo zonke iiNdlela zokuCalucalula abafazi
Inkomfa yeZizwe eziManyeneyo yesiNe yeHlabathi yabaFazi (IsiSeko sokuThatha amaNyathelo saseBeijing)
IZIXHOBO ZOMMANDLA EZIKHUTHAZA AMALUNGELO ABAFAZI NGOKUSINGISELE KWINDLELA ESIBABHEKISA NGAKUYO ISINI SABO
ITshata yaseAfrika yamaLungelo abaNtu noLuntu.
UMmiselo woPhuhliso lweendawo zokuhlala saseMzantsi Afrika malunga neSini noPhuhliso 1997
UMTHETHO WASEMZANTSI AFRIKA NEMICIMBI UBUNI ESIJONGWA NGAYO
UMthetho woMgaqo-siseko waseMzantsi Afrika 108 wowe 1996 (UMGAQO-SISEKO);
UMthetho wamaLungelo woMhlaba omNtu wonke wowe 2004
UMthetho wokwamkelwa kwemiTshato yeSintu (UMthetho weSiko)
UMthetho wokuPheliswa koButhakathi.
